Yinto engapha kweminyaka elishumi (10) utata waseMount Fletcher ezenzela kumhlaba ongezantsi ebantwaneni abangamawele abazalayo abangamantombazana, phakathi kwawo, elinye likhubazeke ngokwasengqondweni.
Ingxelo ephuma kwiGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) ngamanye ithi inkosikazi yesi sidlwengu (54) yabhubha ngongonyaka ka2011 ngethuba nawo amawele angamaxhoba ngoku eneminyaka eyi11. Kuthiwa kwaqala ngoko ukonakala kwezinto. Utata wamawele wamane ebephathaphatha ngendlela engamkelekanga kumalungu abo angezantsi.
Oku kwenzekile de wabe uqalisa ukudlwengula elinye iwele. Emva kokuba elo labalixhoba lodlwengulo laye lemka ngo2019 lafumana umsebenzi kwenye idolophu. Utata washiyeka emane ukuzenzela kweli likhubazeke ngokwasengqondweni.
Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthe elinye iwele laye laqatshelwa nguMphathiswa ukuba kukhona okumphazamisayo walingcambazisa lathetha inyaniso. Neli lashiyeka ekhayeni lachaza nalo emva koko kwabizwa indibano yosapho utata wamaxhoba awavuma kuyo onke amatyala awenze ebantwaneni bakhe. Emva koko, umalume wamaxhoba wavula ityala watsho wabanjwa.
Ngethuba kuxoxwa ityala enkundleni, utata wamawele watshintsha akalivuma ityala ngelithi lo ukhubazekileyo umntana umtyhola ngabom kuba engafuni ukugcinelwa nguye ikhadi lemali ayifumana kuRhulumente. Inkundla iye yaveza bonke ubungqina enabo nobuye bambophelela umtyholwa.
Uye wagwetywa izihlandlo ezibini (2) zobomi enkolonkoloza entolongweni. Ngaphezulu yaba yiminyaka emihlanu (5). Utata osisisdlwengu akachazwa igama lakhe leli phephandaba ngoba kukhuselwe amaxhoba.
OnguMlawuli weeNkundla kwiphondo leMpuma Koloni, uBarry Madolo, usiqhwabele izandla isenzo esihle esenziwa lusapho lwamaxhoba sokuza ngaphambili. Uthe endaweni yokuthi mayifihlwe, ithethwe isikhaya - lona usapho likhethe umthetho.
Related Topics: