IiHawks zaseMpuma Koloni zibongoza intsebenziswano kuye nabani onolwazi malunga nomama ongusomashishini waseMpuma Koloni, uNeliswa Elizabeth Nofilita (52), nofunwayo malunga netyala lobuqhophololo kwanelokungahlawuli umbuthi werhafu, uSARS.
Ingxelo ephuma kwiiHawks ithi, uNofilita uqale ukufunwa nge14 kweyeThupha kunyaka ophelileyo u2024, kunangoku akabuyeli ezinkundleni.
UWarrant Officer Ndimphiwe Mhlakuvana uthi, phakathi kuka2014 no2015, uNofilita wenza ubuqhophololo exokisa uSARS ngokufaka iinkcukacha ezingezizo ekwathi neshishini lakhe alisasebenzi.
UMhlakuvana uthi umama lo wabanjwa ziiHawks ngomhla we24 kweyoKwindla ngo2023 wavela phambi koMantyi eMonti nalapho waye wakhululwa ngebheyile.
Ingxelo iqhuba ithi, kwakufanele ukuba ubuyele phambi koMantyi kwakhona ngomhla we23 kweyeDwarha ka2023 akavela, nekulapho inkundla yayalela ukuba abanjwe avalelwe ngaphakathi xa efumanekile.
IiHawks zibongoza nabani na onolwazi apho akhoyo lo mama atsalele uCaptain Gideon Smith ku072 580 2538 okanye kuLieutenant Colonel Zane Johnson kule nombolo 0829418588. Lowo uze nolwazi uza kukhuseleka.