Abadlali beKaizer Chiefs bevuyela ukubetha iStellenbosch FC emdlalweni weNedbank Cup obuseNelson Mandela Bay Stadium ngoMgqibelo odlulileyo.
Image: Yanga Nothanga/Maya Images
Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uNasreddine Nabi, uzamkele ngovuyo iziphumo ezifunyenwe liqela lakhe emdlalweni obunzima eGqeberha ngempelaveki egqithileyo. Amakhosi anyathele iStellenbosch ayikhupha kwiNedbank Cup emva kokuphumelela ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium ngorhatya loMgqibelo odlulileyo.
Ngokwenza njalo, Amakhosi azibekele indawo phakathi kwamaqela amane asabambeleleyo kwiNedbank Cup ekhuselwa yi'Orlando Pirates eyiphumelele kane iminyaka ilandelela. Umdlalo ngowusongwe kwangoko ukuba iChiefs ibifuna ngoba iStellenbosch yenze iimpazamo ezininzi kwisigaba sokuqala.
Izinto ziguqukile kwisigaba sesibini ngethuba ifumana igowuli iStellenbosch sekusondele ixesha lokuphela komdlalo ngentloko yakhe umdlali oyingozi, uAndre De Jong. UNabi uyiqondile ukuba umdlalo ungaya kwixesha elongezelelweyo - kodwa abadlali bakhe bakhawuleze bawusongwa umdlalo ngamagowuli amabini angene kwimizuzu emithandathu efakwe ngusompempe.
Njengokuba isizini ikekele ngoku, Amakhosi asazama ukugweba indlala yeminyaka elishumi. Nakubeni engaqhubanga kakuhle kwezinye iindebe - kodwa analo ithemba kwiNedbank. "Wonke umntu wonwabile, ngakumbi abalandeli beChiefs kwilizwe lonke. Kufuneka senze izinto njengeqela elikhulu.
"Iingqondo zethu kufuneka sizibeke emdlalweni kude kuphele ixesha," utshilo umqeqeshi weChiefs ephumelele ngamagowuli afakwe ngu-Inacio Miguel, uPule Mmodi noMfundo Vilakazi. Ushiyeke ephoxekile emva kwegowuli elifakwe nguDe Jong - kodwa amalalela wakhe angene emdlalweni enza umsebenzi oncomekayo.
"Kusiphoxile ukufakwa kwegowuli kuthi - kodwa besisazi ukuba sidibene neqela elidlala kakuhle futhi elinamandla. Emva kwegowuli leStellies, bendinalo ithemba lokuba siza kulifumana elinye igowuli kwixesha elongezelelweyo. Sifake uShabalala noVilakazi ngoba iingqondo zethu bezikwixesha elongezelelweyo lomdlalo," utshilo uNabi emva komdlalo obunzima eGqeberha.
Related Topics: