IMarumo Gallants ibethe iDurban City kwiipenela emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe eChatsworth Stadium namhlanje emalanga.
Image: Facebook
Mathathu ngoku amaqela azibekele iindawo kumjikelo olandelayo weNedbank Cup etshisa bhe kulo nyaka. Oku kwenzeke emva kokuba yona iMarumo Gallants izibethe iDurban City kwiipenela emdlalweni obubanjelwe eChatsworth Stadium emalanga namhlanje. Kuye kwanyanzeleka ukuba usompempe ongeze ixesha ngoba akubangakho qela elikwaleyo ukufumana igowuli emdlalweni.
Iphumelele ngamagowuli amane kwelinye iMarumo Gallants kwiipenela. Khange kubekho nto exhomisa amehlo kwisigaba sokuqala somdlalo sade saphela. UBongumusa Nkosi noMenzi Ndwandwe bakhe bazama ukuyishukumisa iMarumo Gallants emva - kodwa abakwazi ukugqobhoza. Siye sohluka kancinci isiqingatha sesibini somdlalo ngoba ebekhona amathuba.
UKagiso Mlambo bekufanele uyibeke endaweni entle iDurban City - kodwa iinzame zakhe ziphanzile ngethuba ibhola yakhe iphuma ecaleni kweepali. Noxa iMarumo ibidikidiki emdlalweni - kodwa izicacisile ukuba idlala kwinqanaba eliphezulu ngokufaka iipenela ezine. iMarumo Gallants iza kudibana nePirates emdlalweni olandelayo weNedbank Cup. Yona iChiefs iza kudibana neSekhukhune United okanye iMamelodi Sundowns.
Related Topics: